Imbalelwano ku:

Mphathiswa uGwede Mantashe

Mphathiswa uBarbara Creecy

 

BaPhathiswa abathandekayo, Mantashe kunye noCreecy

 

Malunga: Neleta eVulekileyo evela kubalobi abasakhasayo abasesichengeni eya kuPphathiswa weMithombo yeziMbiwa naMandla kunye namaHlathi, kunye nowezoLoba nokusiNgqongileyo

Singabalobi abangamadoda kunye nabasetyhini abasuka kumanxweme oMzantsi Afrika, nangona uninzi lwethu luphuma eMpuma Koloni naseKZN. Abanye bethu bahlala ngaselunxwemeni apho u-SHELL ethe wenza khona isicelo semvume yokwenza uvavanyo lwenyikima, ngaphandle kokudibana nathi.

Mphathiswa uMantashe sikuvile koonomathotholo saze safunda ukuba utheni ngabantu abamhlophe abaphakamayo besithi uMzantsi Afrika mawungavumeli uvavanyo lwenyikima kwaye singaqhubeki sigrumba amalwandle ethu ukuze sifumane ioli okanye igesi. Uthi oku kuchasene nophuhliso kwaye kufana nocalucalulo nobukoloniyali. Wongeze ngelithi bazokwenza intlupheko nentswela-ngqesho zibembi ngokugqithisileyo kunelinqaba zikulo ngoku. Nangona kunjalo, into esingathanda ukuyibuza kukuba, ngaba uyazi na ukuba bangaphi abalobi bemveli, abasakhasayo abaxhomekeke kumalwandle ukuze baziphilise?

Ingaba waye wakumamela oko sasikuthethile ngo-2016 naxa iKomiti yeMicimbi yezeNdalo yayize kusibuza ukuba siyawufuna na uMthetho osaYilwayo woCwangciso lweNdawo yaseLwandle? Ingaba ukhona namnye na kuni owasithathathela ingqalelo?

Ingaba uyivile na into esiyithethileyo ngenkqubo yoCwangciso oluPhambili loQoqosho lwaseLwandle i-Operation Phakisa eqhubekayo sithetha nje? Ingaba uMphathiswa uCreecy ukuxelele into esasiyithethe ukudibana kwethu naye kuTshazimpuzi ka-2021, Ucweyo lukazwelonke awayeyizimase kunye nathi?

Singathanda ukukubuza ukuba kutheni isebe lakho lingakhange lizihluphe ngokuqinisekisa ukuba i-Impact kunye no-SHELL ziqhakamshelane nathi? Ingaba awukhathali ngolohlobo na ngobomi babantwana bethu nangendlela esiziphilisa ngayo? Nobabini noMphathiswa uCreecy niyawutyeshela umsebenzi wenu wokukhathalela thina noluntu lwethu xa ningaqinisekisi ukuba siyaziswa naxa ningajongi ukuba nayiphi na iprojekthi ecetyiweyo ayinakwenza monakalo kwiintlanzi esixhomekeke kuzo ukuze sondle iintsapho zethu okanye ithintele ukufikelela kwethu kumalwandle.

Ingaba uyazi na ukuba ukugrumba iOli neGesi ayidali amathuba emisebenzi kubantu abahluphekayo, abantu abahlala emaphandleni ababecandeke phantsi ixesha elide, kungekuphela nje ngenxa yobukoloniyali nocalucalulo, kodwa ngoku nangurhulumente wethu ekucingelwa ukuba ulawulwa ngokwentando yesininzi, esebenzisa i-Operation Phakisa?

Mphathiswa uMantashe, sikukhaba ngokupheleleyo ukungahoyi kwakho izikhalazo zethu nokuchaswa kuka-SHELL ngabemi beli. Enyanisweni, asichai nje kuphela u-SHELL kodwa sithi thina, singabalobi base-Afrika abaNtsundu kunye nabemi baseMzantsi Afrika abaqhelekileyo, SINELUNGELO LOKUTHI HAYI KUGRUMBO nolunjani na, kummandla wethu. Siyazi ukuba uMqulu we-Afrika wamaLungelo oLuntu usinika ilungelo lokuzikhethela indlela yethu yophuhliso kunye nelokwenza esikuthandayo ngemithombo yethu yendalo. Lento ayikho malunga nokuba amazwe aseNtshona axelele ama-Afrika ukuba enze ntoni. Njengama-Afrika, siye sakubona okwenziwe ngu-SHELL kwimpilo yabantu baseNigeria naseGhana. Sikhethela abantwana bethu ikamva elikhuselekileyo ngokwesimo sezulu, apho bangazukubulawa yindlala kuba sibutshabalalisile ubutyebi bethu bendalo.

Eneneni, ingaba uyazi ukuba amanyathelo ethu omthetho acaphula WENA, uMphathiswa wezeZimbiwa naMandla, njengoyena mmangalelwa ophambili kwityala lethu eliza kuchotshelwa nge-17 yenyanga yoMnga? Sikholelwa ukuba nobabini wena noMphathiswa uCreecy ninoxanduva, njengabaphathiswa abathembekileyo bamalwandle namanxweme ethu kunye neentlanzi zethu, ukuba nizikhusele. Uvavanyo lwenyikima luya kuba nefuthe kwiintlanzi zethu kunye nezinye izilwanyana zaselwandle. Ukuqhubeka nokuxhaphaza amalwandle ethu kuya kwandisa ukukhutshwa kwekhabhoni kweli kwaye kufake ilizwe lethu kwintlupheko enkulu kunye nendlala, ngelixa abambalwa beza kuxhamla ubutyebi. Sifuna impilo entle kumntu wonke – hayi ubutyebi kwabambalwa! Siwuchasile umzamo wakho wokwahlula inkcaso enamandla kugrumbo lwe-Oli neGesi kumalwandle ethu. Sihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bancede baphakame bazibandakanye kwiinzame zethu zokukhusela amalwandle wethu.

Ukutyhola iingcali zokusingqongileyo ezimhlophe, kuthi, kubonakalisa indelelo nokungafuni ukusiphulaphula thina bantu baselunxwemeni – abantu basePort St Johns, kuCentane, eDwesa-Cwebe, eXolobeni, kwingingqi yase-Amathole. Ikwasenza buhlungu, njengoko isenza sicinge ukuba ukholelwa ekubeni asikwazi ukucinga okanye ukuzigqibela ngokwethu ukuba sinqwenela ukuba uluntu lwethu luphuhliswe kanjani. Uyasithuka xa usenza ngokungathi ngumzabalazo wabo kuphela lo. Lo ngumzabalazo wethu sonke. Ulwandle liKhaya lethu elikhulu. Ingumthombo wabo bonke ubomi kwaye iyindawo engcwele njengoko ilikhaya lezinyanya zethu ezininzi. Sinomsindo kuba nifuna ukuthingaza iinkolelo zethu kunye nokhetho lwethu. Siyanicela ukuba nihloniphe inkcubeko yethu, ubomi bethu kunye nendlela yethu yokuphila kwaye nikhusele ikamva lomntu wonke.

Abazithobileyo,

Coastal Links Eastern Cape

Amadiba Crisis Committee (ACC)

Dwesa-Cwebe Communal Prperty Association (CPA)

 

 

Social media & sharing icons powered by UltimatelySocial